Kule novelana udlalani owaziwayo onguThembile uhlangana okokuqala nenzwakazi emanz' andonga egama linguSweetness. Njengesiqhelo athabatheke bade bathandane. Ekuhambeni kwethuba ziye zivele elubala iimpawu zehlosi, uburhumsha balo buthiwe pahaha, kodwa uthando lukaSweetness kuyabonakala ukuba lwendele kulo mfo. Njengoko liqhubeka ibali imikhwa yemikhuba yalo rhangayi unguThembile iphandwa ide iphuhle, ibonakale okwekat’ emhlophe ehlungwini. Mhm! Kazi manyundululu namabibi mani na la mlesi enziwa leli hlosi limabalabala linguThembile apha kuSweetness? Asazi nto ke thina singasemoyeni. Khaufunde uzivele mlesi, kakade amade ngawetyala, amafutshane ngawesigidimi sakomkhulu. “Inovelana engothando phakathi kukaThembile noSweetness, esisiqholo sobumnandi nobukrakra obuthi buqanduselwe ngulo msont’ unyikinyiki uluthando. Ubhut’ Velile usivezele ekwazivelele zonke iinkalo zamahla-ndinyuka othando. Khauzivele ke nawe mlesi hleze kuthi kanti ndimve kakubi mna umbhali, kakade amehlo awaphakelani, xa ebengakhange aphekelane” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).
General
Imprint: |
Verity Publishers
|
Authors: |
Velile Makasana
|
Format: |
Paperback
|
Pages: |
130 |
ISBN-13: |
978-1-990985-01-0 |
Categories: |
Books
|
LSN: |
1-990985-01-7 |
Barcode: |
9781990985010 |
Is the information for this product incomplete, wrong or inappropriate?
Let us know about it.
Does this product have an incorrect or missing image?
Send us a new image.
Is this product missing categories?
Add more categories.
Review This Product
No reviews yet - be the first to create one!